Story: Khaya Gwentshe
CALA – Inkqubo yokunikezelwa kwezixhobo zokufunda nokufundisa kumaziko ophuhliso lwabantwana abaselula, i-ECD, kuMasipala waseSakhisizwe ifikelele esiphelweni kutshanje, emva kokuba ibiqale ngoMvulo weveki esiyishiya ngasemva.
Kuxhamle amaziko we-Early Childhood Development (ECD) angamashumi amabini anesibhozo kulenkqubo, eququzelelwa ngentsebenziswano phakathi kuka-Eskom, iNational Development Agency (NDA) kwakunye noMasipala waseSakhisizwe. Ezi zixhobo zijolise ekuncedeni ootitshala bamaziko e-ECD ukuze bakwazi ukubonelela abantwana ngamathuba angcono okufunda nokukhula.
USodolophu womasipala uCllr Boniswa Ponoshe uthe le ntsebenziswano ithetha lukhulu kuphuhliso lwaseSakhisizwe. Kusenjalo uXolani Veldman ongumququzeleli e-ECD eSakhisizwe uthi okukuncedisa kakhulu kwizinto eziphucula amaziko emfundo abantwana abaselula ekwabulela nangekxaso.
