Story: Zimasa Mbandezelo
NCORA – Kunconyiwe ukukhuthalela kokugcinwa kwamasiko nezithethe ngokuthi kubanjwe imibhiyozo encedisa ukufundisa abantwana ngemvelaphi.
UJenice Peters ongumanejala kwaNedbank uthi into ayibone eNcora apho abantu bebonisa ubunye nokuthandana imkhuthaze kakhulu, kuquka nendlela yokutya ukutya okusempilweni nokwakutyiwa ngaphambili akubonileyo kutyiwa kulelali kumkhuthazile, uJenice uthethe oku ngethuba enyathele eNcora kumsitho wokubhiyozelwa kwenyanga yamafa nenkcubeko.
Ukwathi akaphelelanga nje ekubhiyozeni koko ubone nemeko engentlanga, isikolo saseLower Ncora esikuyo nalapho eqaphela ukuba sidinga uncedo namadonga adinga ukupayintwa, nokushokoxeka kwefenitshala yesikolo, ethembisa ngelithi bazakuthethana nenqununu yesikolo ngalemiba.
