DUTYWA – Imozulu embi eqhubekayo yenza ubomi bube nzima kubantu abaninzi abasebenza kumashishini amancinci asesitalatweni kwigingqi yase Dutywa, kuquka nabathengisi abaxhomekeke kubathengi bemihla ngemihla ukuze baphile.
Omnye wabo umama uMambhele othengisa iilekese, uthi imvula eninzi, imimoya enamandla kunye nokungaqiniseki kwemozulu kuye kwachaphazela ishishini lakhe, kuba engenasakhiwo, kubanzima ukuba aphangele xakunetha. Ukwathi imozulu embi inokuzonakalisa neelekese zakhe kwaye yenze kube nzima ukulungisa indawo yakhe yokuthengisa ngokukhuselekileyo.
Uthi ngenxa yokwehla kwentengiso, kunzima kuye ukufumana imali eyaneleyo yokuzixhasa yena nosapho lwakhe.
Nangona ejongene nale mingeni, uthi uyaqhubeka nokusebenza kwaye unethemba lokuba imozulu iza kuphucuka, ukuze ishishini lakhe libuyele kwimeko entle.
