Vukani Community Radio

Story: Asive Matwa

DUTYWA – Ibingumbo nomxesibe kwidolophu yase Dutywa izolo, nalapho abantu abaphuma kwiilali ezahlukileyo zomasipala wase Mbhashe bebenze umkrozo osuka kwiholo lika masipala uyakutsho ngakwinkundla yamatyala, kulandela iphulo eliphuma kwi Ofisi yeNkulumbuso elingenkqubo yokuncedisa abasebenzi basezimayini bakudala ngenkqubo yokuhlolwa kunye namaxwebhu afunekayo ukuze bakwazi ukufumana izibonelelo kunye nemali abayityalwayo.

Eli nyathelo litsale inani elikhulu labasebenzi basezimayini kunye neentsapho zabo, kwaye ithathe ixesha ukunceda abo bebebambe umgca.

Ukanti omnye wabahlali uthe baye balala kweloholo ukuze babe ngabokuqala ukuncediswa xa umsebenzi uqhubeka.

USonwabile Jabu Xaba oligosa kule nkqubo ukhuthaze abo beze apha ukuba babe nomonde kwaye bathobele imiyalelo enikezelwa kwindawo leyo njengoko inkqubo iqhubeka. Ekwathi emva kokuba kuqhube inkqubo yohlola abantu, ngomhla we-03 ne-04 kulenyanga izayo kuzokwaziswa ngeenkcukacha kwakweliholo.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *