Vukani Community Radio

Story: Nikilitha Burns / Photo: Supplied

KOMANI – Abahlali baseBhede eKomani bafuna iimpendulo emva kokuba indoda eneminyaka engama-28 ubudala etyholwa ngokudlwengula umntwana ikhululwe ngebheyile.


Uceba wakwa Ward 11 kumasipala wase Enoch Mgijima uCllr Andile Ganca uthi abahlali banomsindo kwaye banenkxalabo malunga nokhuseleko lwexhoba, emva kokuba kuthiwa umrhanelwa, xa sele ekhululwe, uye kwikhaya lexhoba waza wazisa usapho ukuba ukhululwe.


Le meko ibangele uloyiko phakathi kwabahlali, ngakumbi kuba kuthiwa umrhanelwa uhlala kufutshane nekhaya lexhoba. Uceba uthi kubalulekile ukuba inkundla kunye nabasemagunyeni bathathe amanyathelo afanelekileyo ukuze kuqinisekiswe ukuba ixhoba nosapho lwalo lukhuselekile ngexesha eliqhubeka ngalo ityala.


Kwelinye icala, ilungu losapho, uThandeka Sibayile, lithi usapho luxhalabile kakhulu, kuba umntwana ngoku uphila phantsi koloyiko ngenxa yokuba umrhanelwa ekufutshane.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *