Story: Asive Matwa
ZADUNGENI – Abahlali baseZadungeni eNgcobo bavale indlela ngoqhankqalazo bekhalazela ukungqongophala kweenkonzo zoluntu, ingakumbi amanzi. Abahlali bathi kudala benengxaki yokungafumani manzi, besithi ukusukela ngenyanga ka February wonyaka ophelileyo amanzi engasafumaneki rhoqo kummandla wabo. Oku, ngokutsho kwabo, kubenze bakufumanisa kunzima ukuqhuba imisebenzi yemihla ngemihla.
Abanye babahlali bathi ngenxa yokungabikho kwamanzi abasakwazi nokugcina ucoceko lwemizimba yabo, logama abanye besithi kunzima nokusela amayeza njengoko kufuneka ngenxa yokungqongophala kwamanzi.

Ongomnye wabahlali balendawo, uthi uluntu ludinwe kukuhlala luthenjiswa izisombululo ezingafezekiswayo. Uthi bafuna abasemagunyeni bangenelele ngokukhawuleza ukusombulula le ngxaki, kuba ichaphazela impilo nentlalo yabantu.
Abahlali bathi bazawuqhubeka befuna impendulo ecacileyo malunga nokubuyiselwa kwamanzi nokuba zikhona na izicwangciso zokusombulula le ngxaki ixesha elide.
