Story: Khaya Gwentshe
CACADU – Amafama weegusha aphantsi kweBengu Shearing Shed axhamle kwinkqubo ejolise ekuphuculeni umgangatho wemihlambi nokwandisa imveliso yoboya. Le nkqubo, eyaziwa ngokuba yiGenetic Improvement Programme, iqhutywa ngentsebenziswano phakathi kwenkampani iBKB, iSebe lezoLimo kwakunye noMasipala waseMalahleni.

Inkqubo iqale kunyaka ophelileyo kwaye sele ibonakalisa iziphumo ezincumisayo.
Ngokusebenzisa iindlela zale mihla zokufuya nokuzalisa imfuyo, amafama sele eqalisa ukuvelisa uhlobo lweegusha zeMerino, ezaziwa ngoboya bazo obukumgangatho ophezulu nobufunwa kakhulu kwiimarike.
Kulindeleke ukuba le nkqubo incede amafama akhulise imveliso yoboya, aphucule umgangatho woboya, aze akwazi ukukhuphisana namafama amakhulu asele ekwishishini loboya kwinqanaba lorhwebo.
Umsebenzi weBKB uZindlovu Mdlalo uthi injongo yale nkqubo kukwakha imihlambi esemgangathweni eza kuzisa imveliso engcono kunye nengeniso ethe kratya kumafama.
Kusenjalo usihlalo wamafama oboya kuBengu uThandekile Sifuba ubulele inkxaso abayifumeneyo kwabachaphazelekayo ekwathi banomnqweno wokufana namafama asele ekhulile kakhulu.
