Vukani Community Radio

Story: Khaya Gwentshe

Amafama oboya aphantsi kwe Sifonondile Shearing Shed amkele iinkunzi zeegusha ezingamashumi amabini eziluhlobo lweMerino ngenjongo yokuphucula imfuyo yabo kunye nomgangatho woboya abawuvelisayo. Ezi nkunzi zinikezelwe yinkampani iBKB kumsitho obubanjelwe kwiziko labo lokucheba uboya kutshanje.

Usekela-sihlalo we Sifonondile Shearing Shed, uMandilakhe Nxozana ethetha ngexesha lomsitho, uvakalise umbulelo ngalomnikelo, esithi uza kunceda kakhulu ekukhuliseni ishishini labo lokufuya.

Ukwabalise ngemvelaphi yeshishini apho beqale kunzima benezixhobo ezimbalwa kakhulu nesakhiwo esingekho mgangathweni, kodwa basebenze nzima de bakwazi ukukhula. UNxozana ukwabulele inkampani yakwa BKB ngenkxaso abayibonise kubafuyi.

Ukwabalise ngemvelaphi yeshishini apho beqale kunzima benezixhobo ezimbalwa kakhulu nesakhiwo esingekho mgangathweni.

Kusenjalo, umsebenzi wakwa BKB uZindlovu Mdlalo uthe injongo yabo kukunceda abafuyi base Sifonondile baphucule umgangatho woboya babo kwaye bandise imveliso yabo. UMdlalo wongeze ngelithi iBKB izimisele ukuqhubeka nokuphuhlisa abafuyi kummandla omkhulu waseMpuma Koloni.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *