Vukani Community Radio

Story: Zimasa Mbandezelo

NXELESA – Abahlali belali yaseNxelesa baphume ngobuninzi babo ukuya kwamkela unokontraka ozawukwenza indlela ebizwa ngokuba yi-Access Road kule ndawo.

Usodolophu woMasipala wase Vuyisile Mini, uCllr uKhanyisa Mdleleni, ucacisele abahlali ngendlela ekuza kuqhutywa ngayo le project, kwakunye namathuba engqesho aza kuvuleka kuluntu.

Le project kulindeleke ukuba ithathe iinyanga ezilishumi, ngexabiso elifikelela kwizigidi ezilishumi zeerandi. Le ndlela iza kwakhiwa emva kokuba abahlali baseNxelesa kudala bekhalaza ngemeko yendlela, ingakumbi xa kusondela ixesha lasehlotyeni apho iimeko zendlela ziye zibe mandundu.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *