Story: Khaya Gwentshe / Photos: Supplied
Usihlalo weForum yoLwaluko eSakhisizwe, uNkosi uNgaleka, uthi ukuza kuthi ga ngoku ixesha lolwaluko lwasebusika kulo mmandla lihamba kakuhle, kwaye akukabikho siganeko okanye ukusweleka komkhwetha okubikiweyo.
UNgaleka uthi le mpumelelo ibangelwe yintsebenziswano phakathi kweForum yoLwaluko, uMasipala waseSakhisizwe, iSebe leMpilo, kwakunye namagosa akwaCoGTA, bonke besebenzisana ukuqinisekisa ukuba iinkqubo zolwaluko ziqhutywa ngokukhuselekileyo nangokuhambelana nemigaqo emiselweyo.
Uthi iForum iqhuba utyelelo rhoqo kwiindawo ezinabakhwetha ezohlukeneyo, apho ihlangana namakhankatha, abachaphazelekayo kunye neenkokheli zoluntu ukuze kuqinisekiswe ukuba abakhwetha bafumana ukhathalelo olufanelekileyo kwaye nayiphi na ingxaki ijongwe kwangethuba.

UNgaleka wongeze ngelithi ngoku kukho abakhwetha abangaphezu kwamashumi asibhozo abakulo mmandla, kwaye bonke baqhuba kakuhle. Ukwabongoze abazali, amakhankatha kunye noluntu ngokubanzi ukuba baqhubeke nokusebenzisana nabasemagunyeni ukuze kugcinwe le rekhodi yokungabikho kweengozi nokusweleka kwabakhwetha.
