Story: Asive Matwa
DUTYWA – NgooKopolotyeni abahlanu banethamsanqa lokuxhamla kwizixhobo zokuncedisa amashishini abo ukuba aqhubele phambili kuMasipala waseMbashe. Injongo yale nkqubo kukulwa indlala, ukunciphisa intswela-ngqesho, nokukhuthaza ukukhula koqoqosho lwengingqi.
USodolophu woMasipala waseMbashe, uSamkelo Janda, uthi umasipala uyaqhubeka nokuxhasa osomashishini abasakhasayo ukuze kuhlume uqoqosho lwale ngingqi. Uthe iphupha labo kukubona oosomashishini bekhula, besandisa amashishini abo, kwaye besenza igalelo kuphuhliso loluntu.
Omnye wabaKopolotyeni, uKhanyisa Bele, uthe kuluvuyo olungathethekiyo ukufumana ezi zixhobo, nanjengoko eneshishini leetshiphusi. UBele ufumene ifriji eza kumnceda ukugcina iimveliso zakhe zipholile kwaye zikumgangatho ofanelekileyo, kwanaxa kukho ukucinywa kombane.

