Vukani Community Radio

Story: Nondumiso Mpaka

NGCOBO – Angapha kwekhulu amafama aseNgcobo afumene izichumiso nazinikezwe Lisebe Lezolimo libambisene nomasipala iDr AB Xuma.

USolethu Mtsali onguSihlalo wamafama alima umbona uthi ezizichumiso zifike ngexesha elifanelekileyo kuba abo bacinga ukuqalisa ukulima akukhonto iyakubabamba, esithi oko bengenile kwisikhokhelo esitsha izinto ziyenzeka bayakuvuyela oko.

Usodolophu womasipala iDr AB Xuma uCllr uSiyabulela Zangqa uthi akukho mfama ngoku uyakukhalazela ukuba akaxhaswanga kuba izixhobo zokusebenza umhlaba zifike kwa ngexesha, esithi bakhuthaza ukuba abantu mabaye emasimini kuba eli ixesha lifuna abo baziphuhlisayo.

Ongumlimi utata uMawethu Ndlela uthi bayabulela kakhulu ngezizichumiso bazakuya emasimini xa lifika ixesha.

Angapha kwekhulu amafama aseNgcobo afumene izichumiso nazinikezwe Lisebe Lezolimo libambisene nomasipala iDr AB Xuma

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *