Vukani Community Radio

Story: Nikilitha Burns / Photos: Mdaliwoxolo Xhongo

Umhlali waseLinge, uBongi Dyantyi, othengisa inyama kwisitendi sakhe eKomani, uthi waqala ishishini lakhe ngo-2011 ngemali eyiR60 kuphela ngenxa yokuqongophala kwemisebenzi. UDyantyi uthi ukusukela oko waqalisa eli shishini uye wajongana nemingeni emininzi. Ubalule ukuba ngamanye amaxesha abanye abathengisi banyusa amaxabiso, nto leyo eyenza kube nzima ukukhuphisana, kwaye ukwathe amashishini amancinci akafumani nkxaso yaneleyo kumasipala.

Nangona kunjalo, uthi akazange anikezele, kuba ishishini limncedile ukuba aziphilise aze axhase nosapho lwakhe. Ukwagqithise umyalezo okhuthazayo kubantu abangaphangeliyo, esithi mabanghlali emakhaya kodwa mabazame ukuzivulela amathuba okuzisebenzela.

“Xa uqala ishishini awuqali ngemali eninzi. Qala ngento encinci onayo, uze ukhule ngokuthe ngcembe,” utshilo uDyantyi. Ukhuthaze uluntu, ingakumbi ulutsha, ukuba lube nesibindi sokungena kwezoshishino kuba impumelelo iqala ngokuthatha inyathelo lokuqala.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *