Vukani Community Radio

Story: Zimasa Mbandezelo

Iintshatsheli zase Chris Hani kwimidlalo yamanqindi i-Chris Hani Amateur Organisation zibuye neembasa ezilishumi ezine kuzo ziibronze medal, ezimbini zigold medals, ze ezinye ezine ibe zii silver medals. Le midlalo yephondo ebibanjelwe kumasipala wesithili i-OR Tambo, ilungiselela ukuya kwimidlalo kazwelonke.

Ngokutsho kuka Mabhuti Mapeyi ongusihlalo we Chris Hani Amateur Organisation umgangatho kulonyaka ubunyukile nanjengoko bonke abantwana befuna ukuyokumela iphondo leMpuma Kapa kwimidlalo ka zwelonke.

Lo ka Mapeyi uthi bavuye kakhulu kukubuya nodumo nalapho bekudibene iidistrict zeliphondo ezisibhozo bona baba kwindawo yesihlanu.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *