Vukani Community Radio

Story: Zimasa Mbandezelo

QAMATA GREAT PLACE – Namhlanje ibingumhla wesithathu nowokugqibela wenkqubo yokunxibelelwano noluntu, apho amasebe karhulumente kunye namashishini abucala ebenikezela ngeenkonzo ezahlukeneyo ezidingwa luluntu. Le nkqubo ibikhokelwa yiKing Dalimvula Matanzima Foundation.

UZingisa Somlotha, osisithethi seKing Dalimvula Matanzima Foundation, uthe nanjengoko inyanga kaJuni iyinyanga yolutsha, kubalulekile ukuba kugxilwe kwiimfuno nakwiingxaki ezijongene nolutsha.

UKumkani Dalimvula Matanzima uthe eyona njongo iphambili yale nkqubo kukudibanisa uluntu ukuze luphefumlelane, kuqatshelwe iingxaki olujongene nazo, kuquka nezo zichaphazela ulutsha. Uthi kwinkqubo ebibanjwe ngoMvulo, ulutsha luveze imingeni olujongene nayo efana nentswela-ngqesho kunye nokusetyenziswa kweziyobisi.

Kumkani Dalimvula Matanzima

UKumkani ukwabalule ukuba iFoundation igxile ekuphuhliseni ulutsha ngemidlalo. Uthe kunyaka ophelileyo babambe itumente yebhola ekhatywayo njengenxalenye yeenzame zokukhuthaza uphuhliso lolutsha. Ukwathe kukho izicwangciso zokuba le nkqubo ibe yinkqubo yaminyaka le ukuze iqhubeke nokunceda uluntu.

Kusenjalo, uTsepo Solani, ongumphathi kwiSebe lezoPhuhliso loLuntu kwisithili saseChris Hani, uthe sele beqalise ubudlelwane obuqinileyo neKing Dalimvula Matanzima Foundation. Uthe injongo yolo nxibelelwano kukuqwalasela iingxaki zoluntu nokusondeza iinkonzo ezifunwa ngabantu kwiindawo abahlala kuzo.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *