Story: Nondumiso Mpaka
NGCOBO – Siphinde savulwa isikolo solwaluko esibizwa ngokuba yiBangixhala Initiation School, esikwindawo yaseNyanga ehlathini eNgcobo. Amakhwenkwe aya entabeni agcinwa ngokukhuselekileyo kwesisikolo, apho afumana khona uqeqesho nemfundiso ebalulekileyo.
Umnini wesikolo, uBangixhala Mbotho, uthi umsebenzi owenziwa kwesisikolo ujolise ekukhuliseni amakhwenkwe abe ngamadoda anoxanduva. Ucacisa ukuba abafundi bafundiswa ngokubaluleka kobutata, indlela yokuziphatha efanelekileyo, kunye neendima ekufanele bazidlale eluntwini njengamadoda.
Uthe kwesisikolo kugxilwa kakhulu kwimpilo nakwimpilo-ntle yamakhwenkwe. Bakhuthazwa ukusela amanzi ngokwaneleyo, ukutya iziqhamo nemifuno rhoqo, kwaye kuqinisekiswa ukuba ezi zinto ziyalandelwa ngamaxesha onke.
UMbotho uphinde wabongoza uluntu ukuba luqhubeke nokuzisa abantwana balo kwesisikolo, esithi umsebenzi akawenzi yedwa kuba uncediswa ngabanye abantu abanamava nabazimiseleyo ukuqinisekisa ukuba amakhwenkwe aphuma apho engamadoda aziphethe kakuhle nalungele ukuthatha uxanduva ebomini.

