Story: Zimasa Mbandezelo
I-MK Party kwiChris Hani Region yamkele ngokusesikweni njengelungu lalombutho uSithembele Plata, owayefudula engusodolophu kumasipala obefudula ebizwa nge Intsika Yethu xa kungoku nje lo masipala ubizwa nge Vuyisile Mini, uPlata ebefudula ekwalilungu lombutho weAfrican National Congress (ANC).
Ongumququzeleli wolwanyulo kwi-region ye Chris Hani kumbutho i-MK party uZukile Mbotoloshi uthi bekungelula nanjengoko ingabo bengumbutho MK abayekucela loka Plata ukuba azimanye nombutho wabo.
Uthi kodwa ngenxa yokumazi amandla akhe lo ka Plata akhange bancame nanjengoko ebenombutho ebekuwo. Ukwathi umzila omhle ka Plata sesinye sezizathu ezibatsale umxhelo nanjengoko engakhange alandelwe ngamatyala ukuphuma kwakhe elulawulweni.
Kunjalo uSithembele Plata olilungu elitsha kumbutho MK Party uthi uzimanye ngokusesikweni nombutho weMK kwaye umke engaxabenanga namntu kumbutho ebefudula ekuwo we ANC.
UPlata uthi phakathi kwezizathu ezimenze aqonde ukuba lixesha lokuba azikhangelele elinye ikhaya kukungabikho kwembeko nalapho ebengahlonitshwa njengelungu lombutho we ANC, ukutyelwa ubulungu bakhe, ukungavumi kwamalungu akwisikhokelo ukuboniswa kwiimpazamo azenzayo kuluntu, uthi angabala kuse.
Ukwathi kona ngethuba elilingu lombutho we ANC ekwanguye nosodolophu wasebenza ngokuzinikezela. Nangethuba enikwe ithuba lokuya kusebenza kumasipala wesithili seChris Hani nalapho neqela awayesebenza nalo bawushiya umzila kodwa xa kungoku nje kunzima nokuphuculwa kweziseko ababezenzile, kuyadilika, kuyadilizwa nje kuphela.
