Vukani Community Radio

Story: Zimasa Mbandezelo

Intsika Yethu Business Forum ingqinile ukuba nolwazi ngokulibaziseka okuqhubayo kweentlawulo kubafundi benkqubo yokuLima nokuFuya eqhuba kwiilali zaseTsomo.

Olilungu lebhodi kulenkqubo uNkosinathi Mhlambiso uthi kona kukhona ukungaqondani kakuhle phakathi kwesebe Lemisebenzi Yoluntu kunye ne Intsika Yethu Business Forum, nalapho isebe lisithi liyihlawule inyanga kaMarch nekuyiyo ekuphikiswana ngayo ibe yona i-Intsika Yethu Business Forum icacisa ngelithi kaloku kukho inyanga elisebe elingayihlawulanga.

Ukwathi kona uzamile emva kokufumana izikhalo zabafundi ukuthethana nabasemagunyeni kulenkqubo ngelithi makubekho unxibelelwano oluluqilima phakathi kwabafundi kunye ne Business Forum, abafundi bayazi ukuba kuqhubeka ntoni kulenkqubo. Ekwathi kona bazama ukulungisa oku kulibaziseka kweentlawulo.

Le ngxelo ilandela isikhalazo sokungabhatalwa kwabafundi sakutsha nje kwinyanga kaMarch.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *