Vukani Community Radio

Story: Nikilitha Burns

Limiselwe umhla weshumi kwinyanga ka June kwiNkundla kaMantyi yaseKomani ityala logqirha waseKomani.

UGqirha Phiwe Jafta, noneminyaka engamshumi amane anesibini ubudala owaziwa ngokunceda abantu ngokutya nempahla kuKomani ujongene nezityholo zokudlwengula ezikhokhelele ekubeni ityala lakhe litsale umdla woluntu, ingakumbi eKomani.

Umseki woluntu waseKomani, uYolanda Ngcanga uthi bayaqhubeka nokuxhasa ixhoba. Ubonakalise ukungoneliseki kukulibaziseka kwenkqubo yenkundla, esithi ukumiswa rhoqo kwetyala kubangela ukuba ixhoba lingafumani bulungisa ngokukhawuleza. Ukwabongoze abahlali baseKomani ukuba baye enkundleni ngomhla we-10 kuJune bezokubonisa inkxaso.

Yolanda Ngcanga outside Komani Magistrates Court

Kusenjalo, ilungu leEconomic Freedom Fighters (EFF) uOnwaba Swartbooi uthi ukhona ngenjongo yokubona ubulungisa bufumaneka kwicala lexhoba. USwartbooi uthi nangona besamkela isigqibo sokumiswa kwetyala, kukho inkxalabo yokuba inkqubo iyacotha.

Ukwagxininisile ukuba nangona umtyholwa enxulumene nombutho wabo, i-EFF izakuqhubeka nokuxhasa ixhoba, njengoko umbutho uzibophelele ekulweni nokuhlukunyezwa kwabantu basetyhini. Uthi bazakuphinda babekhona enkundleni ngomhla we-10 kwinyanga ka June bezokuxhasa ixhoba.

Ityala kulindeleke ukuba liphinde liqwalaselwe ngalo mhla, ngelixa uluntu luqhubeka nokulandelela inkqubela phambili yalo.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *