Story: Zimasa Mbandezelo
Bathi abaxolanga abahlali ebebendwendwele kwiziko lezempilo iTsomo Clinic, eTsomo edolophini.
U-Amanda Ntlemeza uthi bothuswe kukuthi bese umntana womhlobo wakhe ogulayo eclinic bahlangatyezwe ngunogada weziko eli esithi kuvaliwe kodwa lixesha lokuphangela.
Lo ka Ntlemeza uthi bamke bengafumananga nyango nanjengoko ebengavumi ukubangenisa unogada phofu wabe umntwana egulela ukubhubha kona oonesi bebekhona ngaphakathi.
UNtlemeza uthi kuye kwamkhathaza kakhulu oku wabhala kwikhasi lonxibelelwano kwathi kanti uvumbulule izivubeko ezindala kuluntu olusebenzisa eliziko, nalapho abantu beveze izimvo zabo ngeliziko bekwancoma namanesi ngokungabinandlela yokuthetha nezigulane.
Kunjalo u-Anelisa Manintsi okwalixhoba lokungancedakali kule clinic uthi umntwana wakhe wabhubhela ezandleni emzise kweliziko lezempilo. Ukwatyhola ngelithi wangxoliswa ukuba kutheni ezisa umntwana obhubhileyo eclinic kodwa wamzisa egula engekabhubhi umntwana wabhubha ezandleni zamanesi ngethuba ezama ukuncedwa emva kwalongxolo wayifumanayo kumanesi.
Uqhuba ngezityholo esithi wazibona igama lakhe libhabha kumakhasi onxibelelwano etyholwa ngokusa umntwana obhubhileyo kweliziko, ukwathi zange aphinde azive kakuhle emphefumlweni.
Ephendula kumbuzo wokuba unqwenela ukuba kungatshintshwa ntoni kweliziko lempilo ukuze axole ngalo? Uthe ukuba abaphangeli beliziko bangalungisa izimilo bayeke nokuthetha ngendaba abazizele kwiziko lezempilo, kuba uyamazi omnye woonesi okanye abasebenzi abakuchana kakhulu ukuncokola ngengxaki zabantu abeze kweliziko bezokufuna uncedo.
Kunjalo ophuma kumbuth we-African Congress for Transformation (ACT) uZiyagida Sonyabashe uthi bawathathile amanyathelo afanelekileyo kodwa bazakuphinda bahlale intlanganiso neziphathamandla kwisebe lezempilo. Bekwagunyazisa ukwakhiwa kwe clinic esemgangathweni eTsomo. Esithi abasebenzi baphinde baqeqeshwe bekhunjuzwa ngesifungo sabo kumsebenzi wabo wokuba ngabongikazi.
Ibali lize kusasazo lingekabuyeli isebe lezeMpilo ukuza nelalo icala kulomba kodwa sizakubuya necala lesebe kungekudala.
