Vukani Community Radio

Story: Nikilitha Burns

Kuziveki abahlali base Nkululekweni bequqa bebuyela kwamasipala wasekuhlaleni i-Enoch Mgijima bekhalazela umba wokubhataliswa kweerhafu (rates) kwizindlu zesibonelelo sikarhulumente, nto leyo abathi ibabeka phantsi koxinzelelo olukhulu kwezoqoqosho.

Kwintlanganiso abathe bayibamba kutsha nje aba bahlali bathi abayiqondi into yokuba kufuneka bahlawule amatyala angalinganiyo nawabanye abantu kodwa bahlala kwindawo enye, logama izindlu zabo zanikwa njengoncedo ngurhulumente ngenjongo yokuphucula iimeko zokuhlala.

Abanye bathi sele befumene amatyala amakhulu angacacanga ukuba avela phi, nto leyo ebangela ukuba bangakwazi ukuwahlawula ngenxa yokungabikho kwemisebenzi kunye nengeniso engonelanga.

Recent meeting held by Nkululekweni Residents

Abahlali bakwatyhola umasipala ngokungabinamdla wokuphendula izikhalazo zabo, besithi baziva bengakhathalelwanga kwaphela. Bathi kudala behleli phambi kwe-ofisi zikamasipala bezama ukufumana ingcaciso okanye uncedo, kodwa akukho mntu ubahoyayo okanye onika impendulo ecacileyo. Le meko, ngokutsho kwabo, ibangela umsindo nokudana kuluntu kuba ibonisa ukungabikho konxibelelwano phakathi korhulumente wasekhaya nabahlali.

Ngokutsho kwabahlali, le ngxaki ayiqalanga kutshanje, koko sele ithathe ixesha elide ingasonjululwa. Bacele ukuba umasipala angenelele ngokukhawuleza, acacise indlela lamatyala abalwa ngayo, kwaye ajonge neendlela zokunciphisa okanye ukurhoxisa amatyala.

Bakwacele ukuba kubekho iintlanganiso zoluntu apho abantu banokunikwa ithuba lokubuza imibuzo baze bafumane iimpendulo ezithe ngqo kubaphathi bakamasipala.

Abanye abahlali bathi ukuba akukho manyathelo athathwayo kungekudala bazakunyanzeliswa ukuba bathathe amanye amanyathelo okuvakalisa ukungoneliseki kwabo, kuquka nokuqhankqalaza. Nangona kunjalo, bathi injongo yabo ayikokudala ingxwabangxwaba, koko kukufuna ubulungisa nokuphathwa ngendlela efanelekileyo njengabahlali belizwe.

Le meko ibonisa imfuneko engxamisekileyo yokuba kube nokuphuculwa kwendlela umasipala anxibelelana ngayo noluntu kunye nendlela alawula ngayo iinkonzo zoluntu.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *