Vukani Community Radio

Story: Nikilitha Burns

KOMANI – Abahlali baseKomani abangama-174 baxhamle kuxonyezelelo lweNonesi Mall.

Bayi-174 abahlali bakuKomani abathe baxhamla kuxonyezelelo lodederhu lweevenkile iNonesi Mall, emva kokuba iivenkile ezongezelelweyo zivulwe ngokusesikweni.

Ngokutsho kukaUnathi Gama, osuka kwiVukile Property Fund, okwayiyo ne Asset Manager yaseNonesi Mall, le mall yongezelelwe ngommandla olingana nama-3 100 square metres, nto leyo ethe yavula amathuba amatsha oshishino nemisebenzi.

UGama uthi le projekthi ithathe iinyanga ezili-11 ukwakhiwa kwaye yagqitywa ngexesha ebelicwangcisiwe. Uthi kusetyenziswe imali engange-R39.7 million kolu xonyezelelo, ngenjongo yokwenza kube lula kubahlali ukufikelela kwiivenkile ezongezelelweyo, kwakunye neenkonzo zebhanki ngaphakathi kule mall.

Ngexesha lokwakhiwa kolu xonyezelelo kudaleke amathuba emisebenzi angama-356, nalapho abantu abali-174 abahlala eKomani bathe baxhamla kula mathuba omsebenzi.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *