Story: Nikilitha Burns
KOMANI – I-Youth Life ityikitye ngokusesikweni I contract yenkqubo ejolise ekuxhobiseni nasekunikeni amathuba ulutsha lwaseMpuma Koloni. Lo msitho ububanjelwe eThobi Indoor Sports Centre eKomani.
Le nkqubo itsale umdla omkhulu, njengoko bangaphezulu kwama-300 000 abantu abatsha abafake izicelo befuna ukuxhamla kula mathuba. Kula manani, ngabantu abatsha abangama-520 abathe bakhethwa ukuba baxhamle kule nkqubo, apho babekelwe ukuba basebenze kwiidolophu eziphantsi koomasipala besithili saseChris Hani.
Othethelela i-Youth Life, uLehlohonolo Nyembe, uthi injongo yalo mbutho ayikokunika abantu abatsha amathuba kuphela, koko kukubakhuthaza ukuba bazithathele amathuba akhoyo ukuze bakhe ikamva elingcono.
Ukwakhuthaze olunye ulutsha ukuba lubhalise kwi-SA Youth.mobi ukuze lufumane ulwazi ngamathuba emisebenzi, uqeqesho kunye nezinye iinkqubo ezijolise ekuxhobiseni abantu abatsha.
UNyembe ukwadlulise umyalezo wombulelo ku-Chief Servant we-Youth Life, u-Ike Makae, ongumseki wale ntlangano.
