Story: Zimasa Mbandezelo
TSOMO – Umbutho we African National Congress (ANC) ububambe irally yokuphehlelela i-Manifesto ya yawo eTsomo kumasipala iVuyisile Mini.
Olilungu lesigqeba esiphezulu uKhusela Diko uthi bazokunika umkhomba ndlela nanjengoko kujongwe kulonyulo. Ukwathi bengumbutho bacangcatha kwizinto ezintandathu abazibekele zona ukuphucula ubomi nentlalo yoluntu, ezi zinto ziquka ukuphuculwa kokusebenza kombane, amanzi, iindlela, ingqesho kulutsha nezinye..

Kunjalo, usihlalo we ANC kwiChris Hani Region uLusanda Sizani uthi baqhuba nomanyano kuleregion, esithi kona akhona amagama abagqatswa angangenanga kuluhlu oluye kwa IEC leyo yingxaki ezakulungiswa kwaye yayikhe yakho ngo 2016 yalungiswa nangoku izakulungiswa.
