Story: Nondumiso Mpaka
NGCOBO – Umasipala wase Dr AB Xuma ububambe Ubuntu Bethu Cultural Festival eIndoor Sport Centre eNgcobo apho amaqela omculo, awomngqungqo, imidlalo yeqonga kwanabathungi bebeyinxalenye yoku ukuzobonakalisa ngabakwenzayo. Ukutya kwesiXhosa nako kubonisiwe.
Oomama abaphuma kumaqela ohlukeneyo bavakalise ukuba ukuba yinxalenye yoku bazofunda izinto ezinobagcina bebambe inkcubeko nemveli yabo, besithi ukubambana nokuncedisana kokona bakufuna kakhulu bengomama.
