Vukani Community Radio
;
Luphume ngobuninzi uluntu uyokuzibandakanya kumngcelele ozolileyo

Story: Linda Magazi

CACADU – Luphume ngobuninzi uluntu uyokuzibandakanya kumngcelele ozolileyo obusuka kwi park yase Cacadu Emalahleni ukuya phambi kwenkundla kamantyi yase Cacadu.

Lomngcelele usatyelwe ngabantu abasuka kwiinkalo ngeenkalo eziquka iMoral Regeneration Movement, Disability Sector, abantu abadala, abahlali, Women’s Caucus yase Emalahleni, oosomashishini kunye ne Emalahleni Activists beyokudlulisa uxwebhu lwezikhalazo.

Oku kulandela isiganeko senkwenkwana eneminyaka elishumi elinesibhozo ubudala neyantunyekwa ngomlilo ebutsheni balonyaka, nekutyhowa ngokuba yathi yeba kwilali yayo yase Jojweni. Kusolwa ngelithi utata owathi umbele wamtshisa de kwavela amathambo.

Utata wexhoba uthi akalali obuhlayo, oko kwehla esisehlo ufumana nezigrogriso kwakhe, nalapho kutshanje athi ebusuku kufike abantu ebebegibisela amatye kwakhe bemthuka. Uthi ayimphathi kakuhle into kanyana wakhe kwaye unqwenela unyana wakhe ade afumane iplastic surgery.

U-Asanda Dlikilili ongusihlalo we Emalahleni Activists uthi lomngcelele ubuzolile kusisiwa uxwebhu lwezikhalazo oluquka ukuba ubulungisa mabenze indima yabo, kwaye abantu xa kuphindwa kuxoxwa elityala baphume ngobuninzi babo.

Ityala limiselwe umhla wethoba ku November walo nyaka.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *

;