Vukani Community Radio

Story: Nikilitha Burns

EZIBELENI – Isithili sase Chris Hani sichazwe njenge sinye sendawo ezisajongene namanani aphezulu eziganeko zokuxhatshazwa kwabantwana, nto leyo eyenze ukuba iphondo lijolise kakhulu kule ngingqi. Oku kuthethwe nguMphathiswa weSebe lezoPhuhliso loLuntu eMpuma Koloni uBukiwe Fanta ngexesha bekubanjwe inkqubo yokuvala inyanga yokhuseleko lwabantwana kutshanje Ezibeleni kuKomani kwisikolo samabanga aphantsi iSinako.

Amagosa karhulumente, imibutho yoluntu kunye nabahlali kwakunye neeNkosi bebebuthene ngenjongo yokukhuthaza ukukhuselwa kwamalungelo abantwana nokulwa ukuxhatshazwa kwabo.

UMphathiswa uthi le nkqubo ibiyinxalenye yephulo lokuqaqambisa imiba echaphazela abantwana nokukhuthaza uluntu ukuba luthathe inxaxheba ekubakhuseleni. UFanta ubongoze uluntu ukuba lusebenzisane namasebe karhulumente ukuze kupheliswe ukuxhatshazwa kwabantwana, esithi ukhuseleko lwabantwana luxanduva lomntu wonke. Ukwalumkise uluntu ngokubaluleka kokuba abantwana bakhulele kwiindawo ezikhuselekileyo nezinenkxaso. Ukwabongoze ootata ukuba bathathe uxanduva lwabantwana babo, esithi abantwana badinga bobabini abazali ukuze bakhule kakuhle.

UMphathiswa weSebe lezoPhuhliso loLuntu eMpuma Koloni uBukiwe Fanta

Kusenjalo, iChild Ambassador yephondo leMpuma Koloni uSanele Adams uthi uyavuya ukubona amasebe karhulumente ebonisa inkathalo ngokuphulaphula izikhalazo zabantwana nokuzama ukuzisombulula.

U Adams ukwabongoze abasebenzi bezempilo ukuba baphathe abantwana ngentlonipho xa besiya kufuna uncedo okanye bezokuxela iingxaki zokuxhatshazwa. Uthi akulunganga ukuba abantwana bagwetywe okanye babuzwe imibuzo ebonakala ibasola, efana nokubuza ukuba kutheni benxibe ngendlela ethile, koko kufuneka banikwe inkxaso, ukhathalelo kunye noncedo abaludingayo.

Kusenjalo, umhlali waseZibeleni KuKomani, uSiphokazi Ntantiso, uthi akonelisekanga ngokupheleleyo yindlela eqhutywe ngayo inkqubo yeChild Protection Month. Nangona evumile ukuba kubalulekile ukuba amasebe afana neSebe lezoBulungisa afike azokuphulaphula izikhalazo zoluntu, uthi ubekhathazekile kukuba abahlali abaninzi khange banikwe ithuba elaneleyo lokuthetha ngemingeni ejongene nabantwana kwiindawo abahlala kuzo.

Umhlali waseZibeleni KuKomani, uSiphokazi Ntantiso

UNtantiso ubulele iSebe lezoBulungisa ngokufika kwalo kule nkqubo, esithi luyibonisile inkathalo ngokuphula-phula izikhalazo zabantwana nokuzama ukufumana izisombululo kwimiba ebachaphazelayo. Uthi nangona kusekho imingeni, kubalulekile ukuba la macebo aqhubeke ukuze kuqinisekiswe ukuba ilizwi labantwana kunye noluntu liyaviwa.

Le nkqubo iphele ngomyalezo ocacileyo wokuba ukukhuselwa kwabantwana akufuneki kube ngumsebenzi wenyanga enye kuphela, koko kufuneka kube ngumsebenzi oqhubekayo owenziwa mihla le ngabazali, uluntu, izikolo, iinkonzo zempilo kunye nawo onke amasebe karhulumente.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *