Story: Nikilitha Burns
KOMANI – Umkomishinala wamapolisa kwiPhondo leMpuma Koloni, uLieutenant General Vuyisile Ncata, utyelele eKomani apho amapolisa ebeqhuba imisebenzi yeOperation Shanela.

UNcata uthi amapolisa eze kulo mmandla ngenxa yeziganeko zobundlobongela eziye zaxhalabisa, ngakumbi ukwanda kokubulalana kusetyenziswa imipu.
Uthi ii-roadblock kunye nezinye iindlela zokuhlola zidlala indima ebalulekileyo ekuncedeni amapolisa abambe izinto ezingekho mthethweni, kuquka imipu.
Lo msebenzi ukwajolise kubaqhubi abangayithobeliyo imithetho yendlela, abantu bamanye amazwe abangenamaxwebhu asemthethweni, kunye nokuthengiswa kotywala ngokungekho semthethweni.

Uthi iOperation Shanela iza kugxininisa kakhulu kwiindawo ezisemaphandleni, apho abantu bathengisa utywala ngaphandle kweempepha. Uthi oku kunegalelo ekwandeni kolwaphulo-mthetho, ngoko amapolisa aza kuqhubeka nokuthatha amanyathelo aqatha.
