Story: Nikilitha Burns / Photos: Supplied
MKHONJANA – Ibiluvuyo kubahlali baseMkhonjana ngale ntsasa njengoko kuvulwe ngokusesikweni ibhulorho entsha eza kuphucula ukuhamba nokufikelela kwiinkonzo kule ndawo.
Usodolophu woMasipala wase-Enoch Mgijima, uMadoda Papiyana, uthe ukwakhiwa kwale bhulorho kulandela ukusweleka kwabantu abahlanu abaphulukana nobomi babo bezama ukuwela umlambo. Uthe le bhulorho izawukwenza indlela eya eKomani ibe mfutshane, incede abahlali kunye nabanikazi beemoto.
Omnye wabahlali, uSabelo Roto, uthe ukuvulwa kwale bhulorho kuluvuyo olukhulu eluntwini, nangona ezinye iintsapho ziye zaphulukana namalungu azo ngenxa yokungabikho kwayo ngaphambili. Ukwathe ulwakhiwo lwebhulorho ludale amathuba emisebenzi kubahlali kwaye luzawukwenza kube lula ukuba iinkonzo zikarhulumente zifikelele kule ndawo.

