Story: Nondumiso Mpaka
NGCOBO – Lungena kusuku lwesibini namhlanje uqhankqalazo kwidolophu yaseNgcobo, nalapho imisebenzi emininzi imiswe ngenxa yokuvalwa kwedolophu.
Isimo sibi kakhulu edolophini eNgcobo abo bebeqhankqalaza bathe bachithwa ngeembumbulu ze rubber kwa ne tear gas xa kungoku kusame yonke into.
Abaqhubi bezithuthi zikawonke-wonke nabo abahambisi bakhweli, njengoko bezibandakanye kuqhankqalazo lwabahlali.
Abaqhankqalazi bafuna uManejala kaMasipala, uKhathutshelo Mulaudzi ashiye isikhundla sakhe, kunye nabanye abakhokheli abajongene nolawulo lukaMasipala.
Okwangoku, akukho zithuthi zikawonke-wonke zihambayo edolophini, nto leyo echaphazela kakhulu ukuhamba kwabahlali. Izikolo nazo zichaphazelekile, njengoko abanye abafundi bengakwazanga ukuya ezikolweni ngenxa yokungqongophala kwezithuthi kunye nokuvalwa kweendlela.
Uqhankqalazo lusaqhubeka, ukanti uMasipala ukhuphe isilumkiso kubaqhubi abasingise eNgcobo nakwiindawo ezingqongileyo ukuba baqaphele, njengoko iindlela eziliqela zivaliwe ngenxa yolu qhankqalazo.
