Story: Khaya Gwentshe
CALA – Bekubanjwe inkqubo yasimahla yokunika ululeko lwengqondo (counselling) eCala, ngenjongo yokuxhasa abantu abajongene neengxaki zengqondo nezamanxeba abawafumene ngenxa yeemeko zobomi.
Umququzeleli wale nkqubo, uNotsikelelo Mandla, uthe lenkqubo entsuku-mbini iqulunqelwe ukunceda abantu abaphila neentlungu zengqondo nabangenalo ithuba lokufikelela lula kwiinkonzo zengcebiso. Uthe le nkqubo idale indawo ekhuselekileyo apho uluntu lufumene khona iingcebiso, inkxaso nenkuthazo ngaphandle kwentlawulo.
Ethetha kule ndibano, uNkosi uStokwe ithe ezinye zeendlela zakudala neenkolelo zenkcubeko ezingasenamsebenzi zisengunobangela wentlungu nengcinezelo kwiintsapho nakuluntu. uStokwe uthi ezi ngxaki xa zingasonjululwa zihlala ziphumela kwiziganeko zobundlobongela obujoliswe kwabasetyhini nabantwana (GBV). Ukhuthaze uluntu ukuba luyilahle imikhwa eyenzakalisa abantu logama lugcina amasiko nezithethe ezikhuthaza isidima, imbeko nokunye.
Abaququzeleli bathe banethemba lokuba le nkqubo iza kukhuthaza abantu ukuba bangoyiki ukufuna uncedo xa bejongene nemingeni yengqondo, nto leyo eza kuba negalelo ekwakheni uluntu oluphilileyo nolumanyeneyo.
