Story: Zimasa Mbandezelo
MTYAMDE – Bayagcoloda luvuyo abahlali belali yaseMtyamde kukufika kuka Sodolophu kumasipala iVuyisile Mini negqiza alikhokeleyo eyokunikezela ngonokontraka ozawukwenza indlela.
Ngokutsho kuka Sodolophu uCllr Khanyisa Mdleleni le ndlela izikhilomitha ezine, ixabisa izigidi ezihlanu zeerandi. Lo ka Mdleleni uthi le ndlela kudala abantu baseMtyamde beyicela ngoku esosicelo kulonyaka-mali sifezekisiwe.
Kunjalo, uNkosi Zulu uthi imeko ibimbi kulelali nanjengoko abanye abantu bengasabuyi kwiidolophu ezinkulu abahlala kuzo ngenxa yokungabikho kwendlela.
Ukanti, ongumhlali uthi lukhulu utshintsho oluzakubakhona kuba iimoto bezingahambi xa kunetha naxa kukho umntu ogulayo bekubanzima kakhulu ngenxa yokungabikho kwendlela.
