Story: Nikilitha Burns / Photo: Supplied
NTABETHEMBA – Banxunguphele abahlali baseNtabethemba eKomani emva kokuba indoda eneminyaka engama-43 ubudala ivele kwiNkundla kaMantyi yaseNtabethemba, ityholwa ngokudlwengula intwazana eneminyaka eli-12 ubudala.
Omnye wabahlali bale ndawo, uMpolokeng Mangcotywa, uthi uluntu lothukile sesi sehlo. Uthi inkxalabo yabo iyanda kuba umrhanelwa ukwangumntu osebenza njenge Ward Committee, nto leyo ethe yakhokelela kumsindo phakathi kwabahlali.
UMangcotywa uthi uluntu lufuna ukubona ubulungisa busenzeka, logama umntwana efumana inkxaso efanelekileyo.
Eli tyala limiselwe ukuqhubeka ngomhla we-12 kweyeThupha.
