Story: Nondumiso Mpaka
NGCOBO – Bancame ukuqhuba ushishino abo bathengisa esitalatweni edolophini eNgcobo bayobayinxalenye yeentshukumo eziqhubayo neziqale izolo.
Oku kuza emva kokuba kukhe kwavalwa iveki yonke kukhalazelwa indlela umasipala wase Dr AB Xuma oqhuba ngayo kwicala lezimali.
Ukanti, ngoku eyonanto ikhalazelwayo ngabezithuthi zika wonke wonke ngumbandela weeBhasi zika Intercape nobangele uvalo lwedolophu, zonke iimoto zibekwe phambi komasipala I Dr AB Xuma. Isimo sisafana nayizolo nangona kusachotshwe kwintlanganiso kwakhona.
