Story: Zimasa Mbandezelo
COFIMVABA – Abasetyhini baseCofimvaba bajongene nemiceli mngeni emininzi, equka ukusetyenziswa kweziyobisi, ukukhulisa abantwana, iingxaki zoluntu kunye nendlala.
Oku kuthethwe nguSisanda Ntshoza weziko i-Albertina Nontsikelelo Sisulu Science Centre eCofimvaba, kudliwanondlebe apho athethe ngemingeni ejongene nabasetyhini kuluntu.
Kwangaxeshanye, abahlali bathi bonelisekile yindlela abaxhotyiswa ngayo ngamasebe karhulumente.
UMasande, ochithe iminyaka entolongweni emva kokugwetyelwa ityala lokubulala, naye uthathe inxaxheba ekufundiseni ulutsha nabantwana besikolo ngeengozi zokusetyenziswa kweziyobisi, ukuzimanya nolwaphulo mthetho kunye nezinye izenzo ezinokubeka ubomi babo emngciphekweni. Injongo yale nkqubo kukukhuthaza ulutsha ukuba luphephe iziyobisi nolwaphulo-mthetho, luze lugxile kwizinto eziza kuba luncedo kubomi balo.
