Vukani Community Radio
;
Abantu abatsha belali yase Cwecweni eNgcobo banikezwe izithole zokulima kwakunye nomatshini wokuthunga

Story: Nondumiso Mpaka

NGCOBO – Abantu abatsha belali yase Cwecweni eNgcobo banikezwe izithole zokulima kwakunye nomatshini wokuthunga ngamalungu ombutho we African Transformation Movement (ATM) eNgcobo emva kokuba bengene udoor to door, basabele kwikhwelo labantu ababeke oko banqwenela bangancediswa ngako okwangoku kungekayiwa kuvoto.

Othe waxhaswa nongumntu omtsha othungayo uNosphelo Lwana uthi uyabulela kakhulu ngezipho azinikiweyo, ngoku kuzawubangcono kakhulu kuba ikhona imali amane eyifumana ngokuncediswa luluntu ekuthengeni izinto zakhe azithungayo.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *

;