Story: Nikilitha Burns
EZIBELENI – Abafundi base Ikhala TVET College eZibeleni bathi abazukuyeka uqhankqalazo lwabo de kulungiswe iingxaki abathi kudala beziphakamisa kulawulo lwekholeji. Aba bafundi batyhola iinkokeli zekholeji ngokungahoyi izikhalazo zabo nangona sele kudlule ixesha becela ungenelelo.
Phakathi kwemiba ephambili ebakhathazayo kukungafakelwa kweziphumo zokuphela konyaka zomnye umfundi, nto leyo abathi ichaphazele kakubi ikamva lakhe kwezemfundo. Abafundi bathi le ngxaki bayixelele amagosa ekholeji izihlandlo ezininzi, kodwa akukho manyathelo abonakalayo athe athathwa ukuyisombulula.
Bakwatyhola umphathi we-campus ngokuthatha izigqibo ngaphandle kokubonisana nabafundi okanye ukuthathela ingqalelo iingxaki abajongene nazo. Ngenxa yoko, bathi bafuna ulawulo lwekholeji lungenelele ngokukhawuleza kwaye lubanike iimpendulo ezicacileyo malunga nezikhalazo zabo.
Ngeli xesha, abafundi abane ababebanjwe ngexesha loqhankqalazo bakhululwe ngebheyile yamahala emva kokuvela enkundleni yamatyala Ezibeleni. Aba bafundi bajongene nezityholo zokonakalisa izithuthi zamapolisa ngexesha loqhankqalazo. Nangona kunjalo, bona bathi bebelwela amalungelo abafundi kunye nokufunela ubulungisa umfundi ongazange afakelwe iziphumo zakhe zokuphela konyaka.
Inkundla imisele eli tyala umhla we-13 kweyeKhala 2026, nalapho kulindeleke ukuba kuboniswe ubungqina obuxhasa izityholo zokonakaliswa kwezithuthi zamapolisa. Aba bafundi baza kuhlala bekhululekile de kube ngumhla wokubuyela enkundleni.
Omnye wabafundi, uSamkelo Mdayi, uthi uqhankqalazo lwabo alujolisanga ekudaleni isiphithiphithi, koko lujolise ekufuneni ubulungisa, ukuphendulwa kwezikhalazo zabo, kunye nokuqinisekiswa kokuba bonke abafundi baphathwa ngokufanelekileyo yikholeji.
