Vukani Community Radio
;
Abaqhubi nabakhweli bezithuthi zikawonke-wonke eCala baxhalabile ngefuthe lokunyuka kwamaxabiso amafutha eenqwelo

Story: Khaya Gwentshe

CALA – Abaqhubi nabakhweli bezithuthi zikawonke-wonke eCala baxhalabile ngefuthe lokunyuka kwamaxabiso amafutha eenqwelo, njengoko ixabiso lepetroli nedizili liqhubeka nokunyuka, lafikelela ngaphezu kwe-R30 ilitha.

Abaqhubi bezithuthi zikawonke-wonke bathi le meko ibabeka phantsi koxinzelelo olukhulu, njengoko kufuneka besebenzise imali eninzi ukuthenga amafutha.

Nangona kunjalo, abaqhubi bathi abakawanyusi amaxabiso othutho, bezama ukuphepha ukubeka omnye umthwalo emagxeni wabakhweli abasele bejamelene nokonyuka kweendleko zokuphila. Bathi nangona besazigcina zinjalo iintlawulo, ukonyuka kwamaxabiso amafutha kuya kuba nefuthe elibi kwingeniso yabo, kwaye kwenza nzima ukuhlangabezana nezinye iindleko zokusebenza kwezithuthi, ezifana nokulungiswa kwazo nokuzigcina zikwimeko entle.

Abaqhubi bakwathi le meko inzima ngakumbi kuba, ngokoluvo lwabo, akukho kungenelela kwaneleyo kukarhulumente ukunceda icandelo leeteksi ukumelana nokunyuka kweendleko.

Ngeli lixa abaqhubi bezama ukumelana nale meko, abakhweli nabo baxhalabile ngefuthe elinokuba nalo ukonyuka kwamaxabiso amafutha kwiindleko zabo zohambo lwemihla ngemihla, ingakumbi abo baxhomekeke kwizithuthi zikawonke-wonke ukuya emsebenzini nakwezinye iindawo.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *

;