Story: Zukisa Mbobi / Photos: Supplied
KOMANI – Isebe lezeMfundo kwisithili saseChris Hani liqhube umnyhadala weentsuku ezintathu wokubhiyozela amagugu, ngenjongo yokukhuthaza abafundi ukuba bazazi, bazixabise baze bazigcine iinkcubeko namasiko abo.
Lo msitho ububanjelwe kwidolophu yaseKomani, waza wadibanisa izikolo eziphantsi kwalo masipala, kuquka iNtabankulu S.P.S eseRodana, iTarkastad High School, iQhakaza kwakunye nezinye izikolo.
Ibiyimincili, amabhongo novuyo phakathi kwabafundi abathathe inxaxheba kulo mnyhadala, bebonisa iitalente zabo kwakunye namasiko nezithethe zabo ngeendlela ezahlukeneyo.
Umphathi walo mnyhadala, nongumququzeleli wawo, uHonjiswa Hardy, uthe lo mnyhadala ube yimpumelelo enkulu, waza wancoma bonke abafundi, ootitshala kunye nabanye abathathi-nxaxheba abenze igalelo ekuphumeleleni kwawo.
