Story: Nikilitha Burns
KOMANI – Umbutho i-Economic Freedom Fighters (EFF) ububambe iphulo lokucoca indawo yokulahla inkunkuma engekho semthethweni eMlungisi, eKomani.
UMnyamezeli Masoka, ongumgqatswa we-Councillor kwiWard 16, uthi eli phulo libalulekile njengoko le ndawo ikufutshane nendawo edlala abantwana. Uthi abantwana bangazifumana lula izifo xa bedlala kwindawo emdaka.
UMasoka uthi umnqweno wabo kukuguqula le ndawo ibe yindawo yokudlala ekhuselekileyo yabantwana. Uthi oku akunakwenziwa ngabo bebodwa, kungoko becela noluntu ukuba lube yinxalenye yeenzame zokucoca nokuphuhlisa le ndawo.
uBabalwa Rhini, onguCo-ordinator we-EFF e-Enoch Mgijima, uthi bafuna ukuqinisekisa ukuba abantwana banendawo ekhuselekileyo abanokudlala kuyo. Uthi injongo yabo kukuguqula iindawo ezinjengale zibe ziindawo zokudlala zabantwana.
