Vukani Community Radio

Story: Nikilitha Burns

EZIBELENI – Ithala leencwadi laseZibeleni libhiyozele iLiteracy Day ngokubamba ukhuphiswano olujolise ekukhuthazeni abafundi ukuba bakuthande ukufunda, baphucule izakhono zabo zolwimi kwaye bangalibali ulwimi lwabo lweenkobe.

Olu khuphiswano belujoliswe kubafundi bebanga lesine, nabavela kwizikolo ngezikolo zeseZibeleni, apho bebe khuphisana kwiindidi eziquka Reading, Spelling Bee kunye neWord Within a Word.

UNoxolo Mahela osuka kwithala leencwadi laseZibeleni uthi injongo yolu suku ibikukukhuthaza abantwana ukuba bakwazi ukufunda kwaye bakhulise umdla wabo ezincwadini. Uthi iSpelling Bee senziwe ngesiXhosa ngenjongo yokugcina nokukhuthaza ulwimi lwesiXhosa phakathi kwabafundi, njengoko bengafuni abantwana balibale ulwimi lwabo.

Iinkampani ezifana no Star Bread kunye neAVBOB nazo bezinxalenye yolu khuphiswano, zixhasa lo msitho ngokunikezela ngamabhaso kubafundi abaphumeleleyo.

Abafundi abaphumeleleyo kumacandelo ohlukeneyo bavakalise uvuyo emva kokufumana amabhaso, besithi olu khuphiswano lubanike ithuba lokubonisa izakhono zabo nokufunda ngakumbi.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *