Story: Nondumiso Mpaka
QHUMANCO – Zinkomo ezimbini ezishiywe kwikomkhulu lamaJumba eQhumanco eNgcobo apho uSihlalo Wombutho we-African National Congress (ANC), kwisithili seChris Hani uLusanda Sizani, ebeyokhahlela kwiKomkhulu phantsi koNkosi uZwelilungile nanjengoko kwinkqubo ebikhona yombutho bengakhange bakwazi ukukhahlela.
U-Sihlalo uSizani uthi kulenkqubo bekuye neNkulumbuso yePhondo uOscar Mabuyane, kodwa uthi baye bengaphethanganto kungoko bebone kufanelekile ukuba mabayovela ebukhosini.

