Story: Asive Matwa
DUTYWA – Belizele limi ngeembambo iholo kwisikolo samabanga aphantsi iNgubethole Primary School, nanjengoko bekubanjwe inkqubo yokuxhobisa abafundi ngezakhono ezahlukeneyo.
Lomsitho ubuzinyaswe ngamaqumrhu abucala kuquka neziko lezoqeqesho iKing Hintsa Tvet college.
Inqununu yesikolo uMnu. Dyakophu uthi isikolo sithathe eli nyathelo ukukhuthaza abafundi ukuba bathathe imfundo yabo nzulu kwaye bebakhuthaza ukuba baqale ukucinga ngemisebenzi yabo yexesha elizayo besebancinci.
UDyakophu uthi noxa benemingeni eliqela equka ukungabinazixhobo esikolweni kodwa babethelela ukuba abantwana babeke imfundo phambili, kwaye bafane nabaphuma kwizikolo ezikwimigangatho ephezulu.
