Story: Khaya Gwentshe / Photos: Supplied
CALA – Iqumrhu elingajonganga nzuzo iTeenagers against Drug Abuse(TADA), lolutsha oluchasene nokusetyenziswa gwenxa kweziyobisi ngokubambisana neSebe loPhuhliso loLuntu laseSakhisizwe kunye noMasipala wasekuhlaleni waseSakhisizwe, lubambe iPalamente yaBantwana, apho abafundi bezikolo zamabanga aphakamileyo abavela eCala naseKhowa banikwe ithuba lokuxoxa ngemiba ejongene noluntu nezikolo zabo ebangelwa kukusetyenziswa gwenxa kweziyobisi.
UAndiswa Dingaan, ongumququzeleli wenkqubo yokulwa nokusetyenziswa gwenxa kweziyobisi kwiSebe loPhuhliso loLuntu, uthi bave izimvo nezisombululo ezinokubakho ezivela ebantwaneni malunga nengxaki yokusetyenziswa gwenxa kweziyobisi nagabantwana, ebonakala ngathi sele ingubhubhani kummandla waseSakhisizwe. Uthi le ntlanganiso ikwancedise ekuvavanyeni impembelelo yamaphulo eTADA.
Kwelinye icala, uSiziphiwe Rorwana, ongumququzeleli weTADA, uthe iingxoxo zabafundi zibonise ukuba iinzame zabo zokufundisa nokwazisa ulutsha ngeengozi zokusetyenziswa gwenxa kweziyobisi zenza umahluko.
