Story: Asive Matwa
DUTYWA – Umthungi wempahla uNombulelo Mzili waseDutywa uthi uthando lwakhe lokuthunga luye lwangumthombo wengeniso. Ngeli shishini lakhe lokuthunga, ubonisa ukuba ulutsha lunokusebenzisa iitalente nezakhono zalo ukuzenzela amathuba emisebenzi.
Njengoko uMzantsi Afrika ubhiyozela inyanga yabasetyhini, oosomashishini abangabasetyhini basebenzisa izakhono namava abo ukukhuthaza ulutsha ukuba luzimele kwaye luqalise amashishini alo.
UMzili uthi ulutsha akufanelekanga ukuba lulinde amathuba emisebenzi, kodwa kufuneka luqwalasele ukuqalisa amashishini amancinci asekelwe kwizakhono esele lunazo.
Umyalezo wakhe ukhumbuza wonke umntu ukuba amanina ayaqhubeka nokudlala indima ebalulekileyo ekwakheni uluntu nasekukhuthazeni isizukulwana esizayo.
Kulenyanga yoomama, amanenekazi asakhulayo ayakhuthazwa ukuba afunde izakhono ezintsha, kwaye aphuhlise ummandla wase Dutywa, ngokuthatha inyathelo lokuqala lokuba ngoosomashishini.
