Story: Nondumiso Mpaka / Photos: Supplied
NGCOBO – Umasipala wase Dr AB Xuma ebambisene noomama be Diocese of Mbhashe bacoce idolophu eNgcobo. Oku bakwenza ukukhumbula uTata uNelson Mandela nekuchithwe ixesha kuqinisekiswa ukuba abantu bahlala kwindawo ecocekileyo, kwaye bayaqinisekisa ukuba lowo nalowo ulilandela ngokupheleleyo eliphulo.
Oomama be Diocese of Mbhashe sele beneminyaka bazimanya neliphulo lokuncedisa umasipala xa ecoca. Amanye amasebe nawo athathe ixhaxheba ukuncedisa kolucoco lwedolophu.
OnguCeba edolophini uCllr Sivuyile Platyi uvakalise ukuba bancediswe nangabo basuka kwa GCIS, belungiselela nabo bangafuna ukuzotyala kwimali kwidolophu lena babenomdla, esithi bakhuthaza ukuba abantu into yokuhlala kucocekile kwindawo zabo bakwenze rhoqo.
Oomama be Diocese of Mbhashe bakhuthaze lonke uluntu ukuba luzixabise luzikhathalele luncedise kumaphulo avelayo ukuze idolophu ihlale itsala umdla nakwabadlulayo.

