Vukani Community Radio

Story: Asive Matwa

DUTYWA – UMphathiswa wesebe Lezolimo eMpuma Koloni uNonceba Kontsiwe unikezele ngokusesikweni nge Dip Tank yeenkomo kwa Ward 09 eDutywa.

Umphathiswa uKontsiwe kwintetho yakhe ephambili, uthe ukunikezelwa kweMangathi Dip Tank kubonisa ukuzinikela kweSebe ekuphuculeni impilo yemfuyo, ukuxhasa abalimi abasakhasayo, kunye nokukhuthaza uphuhliso lwezolimo oluzinzileyo.

Wongeze ngelithi esi sakhiwo siza kunceda iilali ezingaphaya kweshumi ngokuphucula ukufikelela kwiinkonzo zempilo yemfuyo ezibalulekileyo.

UMphathiswa wesebe Lezolimo eMpuma Koloni uNonceba Kontsiwe

Ukanti Utata Mfowethu Ntshaka ongusihlalo wekomkhulu uthe, iyabachulumancisa kakhulu lemını nanjengoko le Dip Tank iyimbali ebisetyenziswa ngookhokho babo kodwa xa kunamhlanje isemgangathweni walemihla.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *