Story: Nikilitha Burns / Photos: Mdaliwoxolo Xhongo
KOMANI – Umbutho i-ActionSA utyelele eKomani, apho inkokeli yawo kwiphondo lweMpuma Kapa, uAthol Trollip idibene nabagqatswa abazimiseleyo ukungenela unyulo loomasipala olucwangciselwe uNovemba.
UTrollip ubakhuthaze ukuba bangaphelelwa lithemba nangona kukho imingeni, esithi mabahlale besebenzela uluntu ngokuzimisela, bathobele umthetho, baze basebenzele ukwakha uluntu olungcono.

Kusenjalo, umgqatswa waseMceula, uZimasa Mdingi, uthe isigqibo sakhe sokujoyina i-ActionSA sibangelwe kukungoneliseki yindlela urhulumente okhoyo alawula ngayo. Uthi ufuna ukuba yinxalenye yotshintsho oluzisa iinkonzo ezingcono nolawulo olunoxanduva kubahlali.
