Story: Asive Matwa
GCUWA – Umasipala wesithili sase Amathole ebambisene nomasipala wase Mnquma, nomasipala wase Mbhashe, iingcali zamashishini, nabameli boluntu bebebambe ingqungquthela entsukumbini eZovuyo Hotel eGcuwa nebizwa i-Rural Ocean Economy Indaba.
Injongo yale Indaba kukuxoxa ngeendlela zokuvula amathuba oqoqosho kwiindawo ezisemaphandleni nezikunxweme zaseMzantsi Afrika. Lo msitho ubuzinyaswe ngusekela mphathiswa wesebe Lamahlathi, Nokuloba uNarend Singh, uSodolophu womasipala weSithili sase Amathole uCllr Anele Ntsangani, Umququzeleli we Ocean Mr T Tanci kwakunye no sodolophu womasipala wase Mnquma uCllr Tunyiswa Manxila-Nkamisa.
Usekela Mphathiswa uMr Narend Singh ngethuba esenza intetho Yakhe ugxininise ekukhuthazeni ukukhula okubandakanya wonke umntu ngokusebenzisa izibonelelo zolwandle ngendlela ezinzileyo, ngelixa kuqinisekiswa ukuba uluntu lwasemaphandleni luyaxhamla kuqoqosho lwaselwandle olukhulayo.
Ukanti usodolophu wase Amathole uCllr Ntsangani uthi iphondo leMmpuma Koloni lichume kakhulu kwicandelo lwamalwandle, esithi eliphondo lithathe isigqibo sokunika ingqwalasela elicandelo ekukhuliseni uqoqosho lephondo.
