Vukani Community Radio

Story: Nikilitha Burns

KOMANI – Kubanjwe i-workshop ebijolise kuluntu lwe-LGBTQI+ kwakunye nabantu abaphila nokukhubazeka kwi-Chris Hani District Council Chambers, ngenjongo yokuxoxa ngemingeni ejongene nala maqela nokuphucula ukubandakanywa kwawo kwiindawo zokusebenza.

Umama uNosiphiwo Mcinga, ongomnye wabantu abaphila nokukhubazeka, uvakalise inkxalabo yokuba oomasipala abaninzi basaqhuba ngokunganiki mathuba emisebenzi abantu abakhubazekileyo nangona benemfundo nezakhono. Ucele ukuba oomasipala baqinisekise ukuba bayabathathela ingqalelo xa kuqeshwa abasebenzi.

ULelethu Kraqa, omele uluntu lwe-LGBTQI+, uthe injongo yale nkqubo ibikukufundisa abasebenzi bakaMasipala weSithili saseChris Hani ngemingeni ejongene noluntu lwe-LGBTQI+, ngakumbi umba wokungabandakanywa kwiindawo zokusebenza. Uthe kubalulekile ukuba abasebenzi bafundiswe indlela yokuphatha nokubaxhasa.

Usekela Sodolophu weSithili saseChris Hani, uNoncedo September

Usekela Sodolophu weSithili saseChris Hani, uNoncedo September, uthe bazivile izikhalazo eziphakanyiswe ngabantu abaphila nokukhubazeka kunye noluntu lwe-LGBTQI+. Uqinisekise ukuba umasipala uza kuphonononga imigaqo-nkqubo yawo, aphucule iinkqubo zokukhusela nokuxhasa la maqela, kwaye iSpecial Programmes Unit iza kujonga indlela enokusetyenziswa ngayo uhlahlo-lwabiwo mali ukuphucula impilo nentlalo yabantu abakhubazekileyo. Ukwathe umasipala uza kuqinisekisa ukuba xa kuqeshwa abasebenzi u 7% wamathuba emisebenzi siya kubekelwa abantu abaphila nokukhubazeka.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *